











I-OMO Mailbag
Abe-OMO Mailbag banecebiso lasimahla elithembakeleyo kuyo nayiphi na ingxaki oyifumanayo ngosuku lwakho lwevasi kwaye idilesi nenombolo yabo
yomnxeba ibhalwe kwipakethi nganye ye-OMO .


Molweni, siyanamkela kwakhona kwa-OMO Mailbag . Ileta yethu kule nyanga ivela kuThandi Mkize waseTembisa. Ufuna ukwazi:

Kutheni isetyenziswa emanzini abandayo kuphela nje I-OMO nokuthi kungani enokusebenzisa amanzi amanye kumduva wempahla eninzi.

Ukusebenzisa amanzi abandayo konga ixesha nemali kwaye kuwalungele amalaphu. Uninzi lwempahla lunephepha elichaza
indlela emayihlanjwe ngayo. Maxa wambi kuye kuthiwe sebenzisa amanzi ashushu kwaye I-OMO ungayisebenzisa ngaphandle kwengxaki nakwanjani na amanzi nangona I-OMO isiba nogwebu oluninzi isakuxutyelwa emanzini abandayo ukuze ube neziphumo ezihle zevasi .

Khumbula, xa usebenzisa amanzi amanye kwimpahla eninzi ligwebu elishiyekileyo eliya kukuchazela ukuba isicoci sisasebenza ngokufanelekileyo kusini na. Xa amanzi emdaka luphelile ugwebu watshintshe amanzi. Pulisisa kuphume konke ukungcola nesepha .

ICEBISO LOKUKHUPHA AMABALA
Iparafini . Walumkele amabala eparafini nanjengoko enokutshisa. Khuhla kangangoko unako ugalele iflawa kwindawo enebala. Galela intlama ye-OMO uyihlalise ithutyana ngaphambi kokuba uyisuse. Ukuba alipheli ibala, kuya kufuneka usebenzise umxube othile, othengiswa kwiivenkile yezinto zokwakha.

Phulaphula i:
Radio Zulu - ngoMvulo - 2.30
emini
Radio Xhosa - ngolwesiBini -
10.00 kusasa
Radio Ndebele - ngolwesiBini -
9.30	kusasa
Radio Sesotho - ngoMvulo - 2.00 emini
Radio Lebowa - ngolwesiThathu -1.35 kusasa
(North Sotho)
Radio Swazi - ngolwesiNe - 2.00 emini
Radio Setswana - ngolwesiNe -l0.30 kusasa
Radio Venda - ngolwesiThathu -9.30 kusasa












82 BONA XHOSA - October 1996


Iiresipi Eziphambili
zeIwisa


ITROPICAL PORRIDGE

1,250ml yamanzi
6ml yetyuwa
100ml yebhotolo okanye imagarini
500ml yeIWISA MAIZE MEAL
(300g)
10ml yebhotolo
10ml yecornflour
130ml yamanzi
130ml yetomato sauce
10ml yeWorcester sauce
10ml yeswekile emdaka
2 iibrinjals , zisikwe zibe zizilayi
1x225g inkonkxa yepineapple
pieces , zikhutshwe incindi
5ml yeoriganum
5ml yebasil
intwana yeblack pepper
100g yeCheddar CHEESE , igreyithwe
(250ml)

1.	Bilisa amanzi netyuwa. Galela iIWISA MAIZE MEAL , zamisa ukuze kuxubeke. Sibekela, ntyontyisa ama-45 ukuya kuma-60 emizuzu. Galela i-30ml yebhotolo kwisidudu. 
2. Galela isidudu kwitreyi yokubhaka eyi-25cm X 30cm, yilungelelanise. Bhaka kwionti oyenze shushu kuqala yaku-180C (350F) ama-20 emizuzu ukuze ibe krobokrobo kancinci.
3.Xuba icornflour namanzi. Galela itomato sauce , iWorcester sauce neswekile. Bilisa kwisitovu esikubushushu obusezantsi de ibe ngqingqwa.
4.Qhotsa ibrinjal ngebhotolo eseleyo. Xuba ibrinjal , isosi nezithako eziseleyo ndawonye. 
5. Galela ngecephe kulingane phezu kwesidudu, Bhaka elinye i-15 ukuya kuma-20 emizuzu okanye de itshizi inyibilike.
6.Sika kube zizikwere eziyi-5cm baphe kushushu. Unokwenza ama-20 ezikwere .

IMAIZE AND CHEESE BREAD

itswele linqunqisiswe
5ml yebhotolo okanye imagarini
10ml yeparsley efreshi , inqunqwe
3ml yepaprika
100g yeCheddar CHEESE , igreyithwe
(250ml)
500ml yeSnowflake cake flour
(280g)
250ml yeIWISA MAIZE MEAL
150g
25ml yebaking powder
5ml yetyuwa
5ml yemustard powder
1X410g inkonkxa yesweetcorn
500ml yebuttermilk

1, Qhotsa itswele ngebhotolo . Galela iparsley , kubeke ecaleni.
2.	Sefa izithako ezomileyo ndawonye. Xuba ndawonye isweetcorn nebuttermilk . 
3. Galela umxube wesweetcorn eflaweni , xubisisa.
4.Xuba ndawonye ipaprika netshizi kunye netswele neparsley . Galela isinye kwisithathu sentlama kwisitya sokubhaka ilofu esiyi-28cm neqatywe amafutha. Phinda
Iwisa

kwakhona, intlama eseleyo yigalele ngecephe ngaphezulu.
5. Bhaka kwionti oyenze shushu kuqala yafika ku-180C (350F) ama-40 ukuya kuma-50 emizuzu okanye de kube nombala ogolide mdaka. Sika isonka emacaleni, siyeke imizuzu emihlanu phambi kokusifaka kwiraki yocingo.
6.	Sika izilayi , baphe siseshushu nebhotolo . Sanela abantu abali-14 ukuya kwabali-16.

IMAIZE MEAL CHEESE BAKE

1,200ml! yamanzi
6ml yetyuwa
500ml yeIWISA MAIZE MEAL
(300g)
25ml yebhotolo
1ml yeblack pepper
100g yeCheddar CHEESE , igreyithwe
(250ml)
2 iitumato , zisikwe zibe zizilayi
2 amaqanda
250ml yobisi
3ml yetyuwa

1.Bilisa amanzi netyuwa. Galela iIWISA MAIZE MEAL , zamisa ukuze kuxubeke. Sibekela, ntyontyisa ama-45 ukuya kuma-60 emizuzu de kuvuthwe. Galela iibhotolo .
2.	Isiqingatha sesidudu sicinezele ngecephe kwisitya esiyi-20cmX20cm nekuphekwa ngaso eontini . Isiqingatha setshizi sigalele ngaphezulu uze ekugqibeleni ubeke izilayi zetumato . Fafaza ipepile ngaphezulu.
3.Isidudu esiseleyo sigalele ngecephe ngaphezulu, usilungelelanise. Fafaza itshizi eseleyo ngaphezulu, esinye isiqingatha seetumato sibeke ngaphezulu. Qhuqha amaqanda, ubisi netyuwa ndawonye, galela phezu kwesidudu.
4. Bhaka kwionti oyenze shushu kuqala yafika ku-180C (350F) ama-80 emizuzu okanye de umxube weqanda uqine.
5.Baphe kushushu. Yanela abantu aba-4 ukuya kwaba
6.






























Uveronica Mkari
UNkszn. Pam Lewis






Ukuba Uhlala
EBHAYI...

Nali ithuba LAKHO lokuya
kwiRAMA /BONA WOMEN'S CLUB !


UMHLA:	ngoMgqibelo nge, 12 Oktobha , 1996
INDAWO:	eCentenary Hall Complex , eNew Brighton , eBhayi. 
IXESHA: 2.30 ngenjika-langa.
ISITHETHI SEMBEKO: nguNkszn. Pam
Lewis
UMXHOLO: IiSOS Children's Villages eMzantsi Afrika

Manenekazi aseBhayi niyamenywa ukuba nibekho kwindibano yeRAMA/BONA nethembisa ukuba nomdla nokuba mnandi njengeendibano zangaphambili. Isithethi sembeko sale mini uNkszn. Pam Lewis uzalelwe wafunda eNgilani . Usebenzele iE.P Building Society iminyaka emininzi ngaphambi kokuba ayokusebenza kwiSOS Children's Villages njengomnyusi-ngxowa nomnxibelelanisi wayo
ngo-1995. UyiRatarian kwiSunrise Rotary CLUB kwaye usebenzela uluntu nabantwana abahlala ezitratweni . Umsebenzi kaPam umxakekisela ezi-ofisini zamaqumrhu, ukunceda imibutho neeklabhu ezininzi zamakhosikazi ezinokunceda iSOS Children's Villages emsebenzini wayo wokunceda uluntu ngokulunika inkathalo, indawo yokuhlala nokutya kwindawo efudumeleyo elikhaya. Iza kuba nomdla le ndibano kwabazakuyizimasa kwaye baza ku-nikwa ithuba lokubuza imibuzo. Njengesiqhelo uza kube ekhona Uveronica Mkari , oyingcali kwezoqoqosho ekhaya, ebonisa indlela yokupheka izidlo eziluncuthu. Manenekazi nani ninokulindela ukutsalwa okuqhelekileyo kwamatikiti ethamsanqa kunye nokuzuza amabhaso eemveliso zakwaRama . Kuya kuphungwa neti .
Le ndibano enomdla ifanele inganiphosi ukuze niqiniseke ukuba indawo yokuhlala niyayifumana, zamani ukufika kwangethuba.



















UMary Nqumbela uchazele la manenekazi ngeemveliso zakwaMoirs .








UKWANELISEKA akunamvuzo kwabo bazama ukuba nekhaya nosapho oluzinzileyo elisemgangathweni.
Xa uphila ngokuvumelana neMithetho eli- 10 uyisebenzisa kubomi bomtshato unokuphumelela kumanzithinzithi akuvelelayo. utshilo uNksk. Rebecca Keswa.
Xa owakho ekuphek'ekophula nabasebukhweni bekucinezela ekuphela kwento onokuyenza kukuhlala kwikhondo elilungileyo. Yenza ekumele ukwenze njengenkosikazi.
Ungaze nanini na uphelelwe lithemba njengomama okanye wamkele iingcebiso ezilandulayo. Umtshato ngowakho. Nakanjani sebenzela ukuba uphumelele, utshilo.
UNkszn. Deliwe Malanga naye obesisithethi ukugxininisile oku. Uthe:
Umonde
Uphumelelisa
Umtshato
Kungakhathaliseki ukuba Iingqwabalala,
lingenaluvelwano kangakanani iqabane likabani, umonde nokukhuthala zizithako eziphambili zomtshato ophumelelayo, lo ngumyalezo
odluliselwe nguNksk Rebecca Keswa
kumanenekazi ebeze ekusungulweni
kweRama/Bona WOMEN'S Club eVosloorus eGauteng kutshanje.
Uveronica Mkari
ebonisa amanenekazi indlela yokubhaka iCountry Nutloaf .



78 BONA XHOSA - October 1996

86 BONA XHOSA - October 1996

	NONWABE NEBONA NERAMA

88 BONA XHOSA - October 1996

